Top Songs By Amadodana Ase Wesile
Similar Songs
Credits
COMPOSITION & LYRICS
Tom Mokhati
Composer
T. Kraft
Composer
Lyrics
Nzulu yemfihlakalo,
Nzulu yesimanga
Ezalise umhlaba nesibhakabhaka
Lenzulu yesimanga ngoka Thixo unyana
Oweza ebantwini ngokubasindisa
Wabona uluntu lonke luwe esonweni
Imiphefumlo yonke ihleli elishweni
Wasikwa yimfesane engummangaliso
Wathabathela kuye lonke ihlazo labo
Kwaba ngummangaliso ukuzalwa kwakhe
Waphila wafundisa ngokuncamisayo
Waba ngummangaliso umnqamlezo wakhe
Wafa woyisa ukufa kwaba sisimanga
Hayi obo bunzulu boluthando lwakhe
Nalo msebenzi wakhe ongummangaliso
Abakholwayo namhla abanakugwetywa
Ma udunyiswe Nkosi kuse ephakadeni
Writer(s): Tom Mokhati
Lyrics powered by www.musixmatch.com